8 Olo loyiseko lwenu aluphumi konibizayo.
9 Igwele elincinane liyayibilisa intlama iphela.
10 Mna ndikholosekile malunga nani eNkosini, ukuba aniyi kucinga nto yimbi; ke onikhathazayo uya kuluthwala ugwebo, nokuba ngongubani.
11 Mna ke, bazalwana, ukuba ndingaba ndisavakalisa ulwaluko, ndisatshutshiselwani na? — singaba sibhangisiwe njengoko isikhubekiso eso somnqamlezo.
12 Akwaba bangazinqumla nokuzinqumla abaniqungaqungayo.
13 Kuba nina nabizwelwa enkululekweni, bazalwana; kodwa ke musani ukuthi, ukuyiphatha inkululeko leyo, nivulele inyama ithuba; manisuke ngalo uthando nikhonzane.
14 Kuba wonke umthetho uzaliswe ngazwi linye, ngeli lithi, Uze umthande ummelwane wakho ngoko uzithanda ngako.