6 Makathi ke lowo ufundiswayo ilizwi, abelane nalowo ufundisayo ngeento zonke ezilungileyo.
7 Musani ukulahlekiswa; uThixo yena asingowokuhlekisa. Kuba into athe wahlwayela yona umntu, wovuna kwayona;
8 ngokuba lowo uhlwayelela eyakhe inyama, wovuna ukonakala ngokwasenyameni; lowo uhlwayelela uMoya ke, wovuna ubomi obungunaphakade ngokwaseMoyeni.
9 Ke ekwenzeni okulungileyo masingethi amandla; kuba sovuna ngexesha elililo, ukuba asityhafi.
10 Njengoko singáthi sibe nethuba, masisebenze okulungileyo kubo bonke, ngokukodwa ke kwabendlu yokholo.
11 Bonani ukuba kukhulu kokubhala endinibhalele ngako ngesam isandla.
12 Bonke abathanda ukuba babe nesimilo esihle ngokwangaphandle, abo ke baninyanzela ukuba nalùswe; benzela nje kodwa ukuze bangàtshutshiswa ngawo umnqamelzo kaKristu.