12 ukuze sibe ngabokudumisa uzuko lwakhe, thina aba sathi ngenxa engaphambili sathembela kuye uKristu;
13 enithe, nikuye nani, nakuliva ilizwi lenyaniso, iindaba ezi zilungileyo zokusindiswa kwenu — enithe, nakùkholwa nokukholwa kuye, natywinwa naqiniselwa ngaye uMoya oyiNgcwele wedinga, osisinyaniso selifa lethu,
14 ukude kugqibelele ukukhululeka ngentlawulelo kwabo baziinqobo kuye, ukuba kudunyiswe uzuko lwakhe.
15 Ngenxa yoko nam, ndakuba ndikuvile okwenu ukukholwa yiNkosi uYesu, nokubathanda kwenu bonke abangcwele, àndiphezi ukubulela ngenxa yenu,
16 ndinikhumbula emithandazweni yam,
17 ukuba uThixo weNkosi yethu uYesu Kristu, uYise wozuko, aninike umoya wobulumko wokunityhilela, nimazi kakuhle;
18 nikhanyiselwe amehlo engqondo, ukuze nilazi into eliyiyo ithemba lobizo lwakhe, nento obuyiyo ubutyebi bobuqaqawuli belifa lakhe phakathi kwabo abangcwele;