4 enothi ngoko, nakulesa, nibe nokuqiqa okwam ukuyiqonda imfihlelo kaKristu;
5 ababengathanga kuzimbi izizukulwana bayaziswe oonyana babantu, njengoko bayityhilelweyo ngoku abapostile* bakhe abangcwele, nabaprofeti bakhe, ngaye uMoya;
6 eyokuba iintlanga ziziindlalifa nathi, zikwamzimba mnye nathi, zingamahlulelana nathi ngedinga lakhe, síkuye nje uKristu ngazo iindaba ezilungileyo,
7 endaba ngumlungiseleli wazo ngokwesipho sobabalo lukaThixo, endababalwa ngaso ngokokusebenza kwamandla akhe.
8 Mna lo, unguyena mncinanana kubo bonke abangcwele, ndababalwa ngolo lubabalo, lokuba ndishumayele phakathi kweentlanga iindaba ezilungileyo zobutyebi obungalandekiyo bukaKristu;
9 ndíbakhanyìsele bonke, bayibone into obuyiyo ubudlelane bemfihlelo ebifihliwe kwasemaphakadeni, ikuye uThixo owazidalayo zonke izinto ngoYesu Kristu;
10 ukuze ngoku oozilawuli noomagunya, abakwezasemazulwini iindawo, babaziswe ngalo ibandla ubulumko bukaThixo, obuziintlobo ezininzi,