7 endaba ngumlungiseleli wazo ngokwesipho sobabalo lukaThixo, endababalwa ngaso ngokokusebenza kwamandla akhe.
8 Mna lo, unguyena mncinanana kubo bonke abangcwele, ndababalwa ngolo lubabalo, lokuba ndishumayele phakathi kweentlanga iindaba ezilungileyo zobutyebi obungalandekiyo bukaKristu;
9 ndíbakhanyìsele bonke, bayibone into obuyiyo ubudlelane bemfihlelo ebifihliwe kwasemaphakadeni, ikuye uThixo owazidalayo zonke izinto ngoYesu Kristu;
10 ukuze ngoku oozilawuli noomagunya, abakwezasemazulwini iindawo, babaziswe ngalo ibandla ubulumko bukaThixo, obuziintlobo ezininzi,
11 ngokokwengqibo yakhe yasemaphakadeni, awayenzayo kuKristu Yesu, iNkosi yethu;
12 esinako sikuye ukungafihlisi kwethu, nokungeniswa kuye sikholosile, ngokukholwa kuye.
13 Kungoko ndicelayo ukuba ningethi amandla ziimbandezelo zam, ezingenxa yenu, zona ezi ziluzuko lwenu.