1 Ndiyanivuselela ngoko, mna mbanjwa waseNkosini, ukuba nihambe ngokulufaneleyo ubizo enabizwa ngalo,
2 nínako konke ukuthobeka kwentliziyo nobulali, ninokuzeka kade umsindo, ninyamezelana,
3 nisenziwa luthando, níkhuthalele ukubugcina ubunye boMoya ngentambo yoxolo.
4 Mnye umzimba, mnye noMoya, njengokuba nabizwáyo nokubizwa, naba nathemba linye lobizo lwenu.
5 Inye iNkosi, lunye ukholo, lunye ubhaptizo, mnye uThixo,
6 uYise wabo bonke, ophezu kwabo bonke, okubo bonke, ophakathi kwenu nonke.