17 Ke ngoko, oku ndiyakuthetha ndikungqine ndiseNkosini, ukuthi, maningabi sahamba njengoko zihamba ngako nezinye iintlanga, ngamampunge engqiqo yazo,
18 zénziwe mnyama iingqondo, zingazani nobomi bukaThixo ngenxa yokungazi okukuzo, ngenxa yokuqaqadeka kwentliziyo yazo;
19 abathe bona, bengasaziva, bazinikela eburheletyweni, ukuze basebenze ukungcola konke, bebawa.
20 Ke nina animfundanga ngokunjalo uKristu,
21 ukuba kambe ningaba nimvile, nafundiswa nikuye, njengoko inyaniso ikuye uYesu;
22 yokuba nithi ngakwihambo yangaphambili nimlahle umntu omdala, owonakaliswayo ngokokweenkanuko zokulukuhla;
23 nihlaziywe ke kuwo umoya wengqiqo yenu,