4 Mnye umzimba, mnye noMoya, njengokuba nabizwáyo nokubizwa, naba nathemba linye lobizo lwenu.
5 Inye iNkosi, lunye ukholo, lunye ubhaptizo, mnye uThixo,
6 uYise wabo bonke, ophezu kwabo bonke, okubo bonke, ophakathi kwenu nonke.
7 Ke elowo kuthi wababalwa ngokomlinganiso wokupha kukaKristu.
8 Kungoko athi,Enyuké waya enyangweni, wathimba intimbo,Wabapha izipho abantu.(INdum. 68:18)
9 Oko ke kùthi, wenyuka, kuyintoni na, kungekwakukuthi, wehla nokuhla kuqala, waya kwezona zisezantsi iindawo zomhlaba?
10 Owehlayo ikwangulowo wenyukayo, waya ngaphezu kwawo onke amazulu, ukuze azalise zonke izinto.