26 ukuze iqhayiya lenu kuKristu Yesu ngam liye lisanda ngokwanda, ngako ukubuya ndibekho kuni.
27 Kodwa ke ukuhlala kwenu makube kokuzifaneleyo iindaba ezilungileyo zikaKristu, ukuze, nokuba ndifikile ndanibona, nokuba andifikanga, ndizive iindaba zenu, ukuba nimi moyeni mnye, ngamphefumlo mnye, nilwela inkolo yeendaba ezilungileyo,
28 ningòthuswa nantweni-nye ngabo bachasayo; into ke leyo engumbonakalaliso wentshabalalo okunene kubo, kodwa ingumbonakalaliso wosindiso kuni, kube ke oko kuvela kuThixo.
29 Ngokuba nábabalwa ukuthi, ngenxa kaKristu, ninganeli kukholwa kuye; nábabalwa nokuva ubunzima ngenxa yakhe,
30 ninawo umzamo onjengalowo nawubonayo kum, nangoku niwuvayo ukuba ukho kum.