5 Ukuthantamisa kwenu makwazeke kubantu bonke.
6 INkosi ikufuphi. Ningaxhaleli nto; mazithi iingcelo zenu ezintweni zonke, ngako ukuthandaza nokukhunga, ndawonye nokubulela, zaziswe kuye uThixo.
7 Lwaye uxolo lukaThixo, olugqithisele kuko konke ukuqonda, luya kuzigcina iintliziyo zenu neengqiqo zenu kuKristu Yesu.
8 Elokugqiba, bazalwana, ndithi, iinto zonke eziyinene, iinto zonke ezindilekileyo, iinto zonke ezibubulungisa, iinto zonke ezinyulu, iinto zonke ezithandekayo, iinto zonke eziludumo lulungileyo, ukuba kukho sidima, ukuba kukho ndumiso, zithelekeleleni ezo zinto.
9 Kwaezo zinto nazifundayo, nazamkela, naziva, nazibona kum, yenzani zona ezo; waye uThixo woxolo eya kuba nani.
10 Ke kaloku ndaye ndivuya eNkosini kakhulu, ukuba ngoku kokugqibela kude kwathi ukukunyamekela kwenu okwam, kwabuya kwatyatyamba: enaye nikunyamekele okunene, koko ke naniswele ithuba.
11 Kungekuko ukuba ndithetha ngokuswela; kuba mna ndafunda ukuthi entlalweni endikuyo ndanele.