13 Kuba ndithetha kuni, zintlanga. Ekubeni okunene mna ndingumpostile* weentlanga, ndiyaluzukisa ulungiselelo lwam;
14 ukuba ndingáde ndibakhweletise abenyama yam, ndisindise inxenye yabo.
15 Kuba xa ukulahlwa kwabo kuluxolelaniso lwehlabathi, koba yintoni na ukwamkelwa kwabo? Akububomi obuphuma kwabafileyo, yini na?
16 Ukuba ke intlahlela ingcwele, ikwanjalo nentlama; ukuba ke ingcambu ingcwele, akwanjalo namasebe.
17 Ke ukuba inxenye yamasebe yaxhuzulwa, wathi ke wena, úngumnquma wasendle nje, wamiliselwa phakathi kwawo, waba lidlelane nengcambu nokutyeba komnquma:
18 musa ukuwaqhayisela amasebe; ke ukuba ùyawaqhayisela, yazi ukuba asinguwe oyithweleyo ingcambu; yingcambu ethwele wena.
19 Ùya kuthi ngoko, Áxhuzulwa amasebe, ukuze mna ndimiliselwe.