Kwabaseroma 16 XHO75

Imibuliso etyumbayo kaPawulos

1 Ke kaloku ndimyaleza kuni uFibhi, udade wethu, ongumlungiseleli webandla eliseKenkreya;

2 ukuze nimamkele ngokwaseNkosini, ngokufanele abangcwele, nimncede emcimbini asukuba enifunela wona; kuba naye ubengumongi wabaninzi, nowam lo.

3 Bulisani kuPrisila noAkwila, abasebenzisi bam abakuKristu Yesu;

4 bona bathi, ngenxa yobomi bam, bazibeka emgoqweni ezabo iintamo, ekungabuleli mna ndedwa kubo, ekubulela nawo onke amabandla azo iintlanga.

5 Bulisani nakwibandla elisendlwini yabo. Bulisani kuPeneto intánda yam, oyintlahlela yelaseAkaya kuKristu.

6 Bulisani kuMariya, yena wabulalekayo kakhulu ngenxa yenu.

7 Bulisani kuAndroniko noYuniya, imizalwane yam nabathinjwa ndawonye nam, bona badumileyo phakathi kwabapostile,* kanjalo baba kuKristu ngaphambi kwam.

8 Bulisani kuAmpliya, intánda yam ngokwaseNkosini.

9 Bulisani ku-Urbhano, umncedisi wethu kuKristu, noStaki intánda yam.

10 Bulisani kuApele ocikidekileyo kuKristu. Bulisani kwabakwa-Aristobhulo.

11 Bulisani kuHerodiyo, umzalwane wam. Bulisani kwabakwaNarkiso abaseNkosini.

12 Bulisani kuTrifena noTrifosa, abo babulalekàyo emsebenzini weNkosi. Bulisani kuPersi, intánda, yena wabulalekayo kakhulu emsebenzini weNkosi.

13 Bulisani kuRufo onyuliweyo waseNkosini, nonina, uma.

14 Bulisani kuAsinkrito, kuFilego, kuHerme, kuPatrobha, kuHerma, nabazalwana abanabo.

15 Bulisani kuFilologo, noYuliya, kuNere, nodade wabo, no-Olimpa, nabo bonke abo bangcwele banabo.

16 Bulisanani ngolwango olungcwele. Ayanibulisa amabandla kaKristu.

17 Ke kaloku ndiyaniyala, bazalwana, balumkeleni abo benza iimbambaniso nezikhubekiso, ezinxamnye nemfundiso enayifundayo nina, niphambuke kubo.

18 Kuba ábanjalo àbakhonzi yona iNkosi yethu uKristu, bakhonza esabo isisu; baze, ngamazwi anencasa nalalanisayo, balukuhle iintliziyo zabangazani nabubi.

19 Kuba ukululama kwenu kuye kwafika kubo bonke. Ndiyavuya ngoko ngani; ndinga ke ningaba ngabalumkileyo okunene kokulungileyo; kodwa nibe ngabangenabuqhinga kokubi.

20 UThixo ke woxolo uya kumtyumza uSathana kamsinya phantsi kweenyawo zenu.Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Kristu malube nani.

21 Bayanibulisa ooTimoti, osebenza nam, noLukiyo, noYason, noSosipatro, imizalwane yam.

22 Ndiyanibulisa ngokwaseNkosini, mna Tertiyo, uyibhalileyo le ncwadi.

23 Uyanibulisa uGayo, esilundwendwe lwakhe, mna nebandla liphela. Uyanibulisa uErasto, igosa lomzi, noKwarto umzalwana.

24 Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Kristu malube nani nonke. Amen.

Ilizwi lokudumisa uThixo

25 Ke kaloku, kuye onako ukunizimasa ngokweendaba zam ezilungileyo, novakaliso lukaYesu Kristu, ngokokutyhilwa kwemfihlelo ebifihliwe kwasephakadeni,

26 ebonakalalisiweyo ke ngoku, eyaziswayo kanjalo ngezibhalo zabaprofeti ngokommiselo kaThixo ongunaphakade, ukuba kubekho ukulululamela ukholo, kuzo zonke iintlanga:

27 kuThixo olumke yedwa, ngaye uYesu Kristu, malubekho uzuko kude kube ngunaphakade. Amen.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16