Kwabaseroma 9 XHO75

Intlungu kaPawulos ngokungakholwa kwamaSirayeli

1 Ndithetha inyaniso ndikuKristu, andixoki, sibe nesazela sam sindingqinela ndiseMoyeni oyiNgcwele,

2 ukuba ndineentlungu kakhulu, nentuthumbo enkulu engapheliyo, entliziyweni yam.

3 Kuba bendingáde ndinqwenele ukusingelwa phantsi mna ngokwam, ndahlukaniswe naye uKristu, ngenxa yabazalwana bam, abayimizalwane yam ngokwenyama, abangamaSirayeli bona;

4 ekukokwabo ukwenziwa oonyana, nokuzukiswa, nokuphiwa iminqoqhiso, nokuwiswa komthetho, nenkonzo kaThixo, namadinga;

5 abangababo ooyise; awaphuma kubo uKristu ngokwenyama, uThixo ongophezu konke, engowokubongwa kude kube ngunaphakade. Amen.

Amadinga kaThixo akalambathanga

6 Ke, xa nditshoyo, andithethi nto nje, ngokungathi ilizwi likaThixo liphalele. Kuba asingabo bonke abaphuma kuSirayeli abangamaSirayeli;

7 kananjalo àbathe, ngakuba beyimbewu ka-Abraham, baba ngabantwana bonke; kusuke kwathiwa, Imbewu yakho iya kubizwa ngoIsake;

8 oko kukuthi, àsingabantwana benyama abangabantwana bakaThixo; ngabantwana bedinga ababalelwa ekuthini bayimbewu.

9 Kuba lilo eli ilizwi ledinga, Ngeli xesha nyakenye ndiya kuza, waye uSara eya kuba nonyana.

10 Alipheli apho ke; kwathi nakuRebheka, akubon' ukuba ukhawule ngamnye, ngoIsake ubawo wethu,

11 nakuba abantwana babengekazalwa, bengekenzi nto nelungileyo nembi, ukuze ingqibo kaThixo ngokonyulo ihlale ihleli, ingengokwasemisebenzini, ingokwalowo ubizayo:

12 kwathiwa kuye, Omkhulu uya kukhonza komnci;

13 njengokuba kubhaliwe kwathiwa,UYakobi ndamthanda, ke uEsawu ndamthiya.(UMal. 1:2,3)

UThixo akasweli bulungisa

14 Síthini na ke ngoko? Kukho ukuswela kulungisa kusini na kuye uThixo?

15 Nakanye! Kuba esithi kuMoses, Ndiya kuba nenceba kosukuba ndinenceba kuye, ndibe netarhu kosukuba ndinetarhu kuye.

16 Ngoko ke asikokothandayo, kanjalo asikokobalekayo; kokukaThixo onenceba.

17 Kuba isibhalo sithi kuFaro, Ndakúvelisela yona le nto, yokuba ndiwabonakalalisele kuwe amandla am, nokuthi laziswe igama lam kulo lonke ihlabathi.

18 Ngoko ke únenceba kwathanda ukumenzela inceba, athi ke athandayo amenze lukhuni.

UThixo unguSomandla

19 Ùya kuthi kum ngoko, Úsasolelani na ke? Kuba ngubani na omelana necebo lakhe?

20 Ehla ke, mntundini! Ùngubani na wena, ukuba uphendulane noThixo? Into exonxiweyo ingátsho na kumxonxi wayo ukuthi, Yini na ukuba undenjenje ukundenza?

21 Khona akanagunya na umbumbi wodongwe ukwenza, ngadongwe lwambumba-nye, esinye isitya sibe sesembeko, nesinye sibe sesingesambeko?

22 Hi, ukuba ke uThixo, ethanda ukubonakalalisa ingqumbo yakhe, nokwazisa amandla akhe, wathwala enokuzeka kade okukhulu izitya zengqumbo, zilungiselwe intshabalalo;

23 ukuze abazise ubutyebi bozuko lwakhe ezityeni zenceba, abezilungisele uzuko ngenxa engaphambili;

24 ezi wazibizayo, kwathina aba, kungekuwo amaYuda odwa, kukwiintlanga nazo?

25 Njengokuba esithi nakwekaHoseya,Ndiya kubabiza abangebantu bam ngokuba ngabantu bam;Nongathandiweyo, ngokuba ngothandiweyo.(UHos. 2:23)

26 Kwakuya kuthi, apho kwabe kusithiwa kubo,Aningabantu bam nina,Babizwe apho ngokuthi, Ningoonyana bakaThixo ophilileyo.(UHos. 1:10)

27 Ke uIsaya udanduluka ngoSirayeli, esithi, Nangona inani loonyana bakaSirayeli lingangentlabathi yaselwandle, ngamasalela odwa aya kusindiswa (uIsaya 10:22);

28 kuba elifeza ilizwi, aligqibe ngobulungisa; ngokuba iNkosi iya kwenza ilizwi layo phezu komhlaba, ilifinyeze.

29 Kwanjengokuba uIsaya ebetshilo ngenxa engaphambili ukuthi,Ukuba iNkosi yemikhosi ibingasishiyelanga mbewu,Ngesibe saba njengeSodom, ngesibe senziwa safana neGomora.(UIsaya 1:9)

Imbangi yokusilela kukaSirayeli

30 Síthini na ke ngoko? Sìthi, iintlanga ebezingasukeli bulungisa, zabubamba ubulungisa, ubulungisa ke baselukholweni;

31 kodwa yena uSirayeli, obesukela umthetho wobulungisa, akafikelelanga emthethweni wobulungisa.

32 Ngani na? Ngokuba ukusukela kwakhe kwaye kungengokwaselukholweni; kwaye kungáthi kungokwasemisebenzini yomthetho. Kuba bábetheka elityeni eli lokubetheka,

33 njengokuba kubhaliwe kwathiwa,Yabona, ndibeka eZiyon ilitye lokubetheka,Iliwa lesikhubekiso; bonke abakholwayo kuye abayi kudaniswa.(UIsaya 28:16)

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16