16 Ukuba ke intlahlela ingcwele, ikwanjalo nentlama; ukuba ke ingcambu ingcwele, akwanjalo namasebe.
17 Ke ukuba inxenye yamasebe yaxhuzulwa, wathi ke wena, úngumnquma wasendle nje, wamiliselwa phakathi kwawo, waba lidlelane nengcambu nokutyeba komnquma:
18 musa ukuwaqhayisela amasebe; ke ukuba ùyawaqhayisela, yazi ukuba asinguwe oyithweleyo ingcambu; yingcambu ethwele wena.
19 Ùya kuthi ngoko, Áxhuzulwa amasebe, ukuze mna ndimiliselwe.
20 Utyaphile; áxhuzulwa ngokungakholwa, ke wena umi ngokholo; musa ukukratsha, yoyika.
21 Kuba, xa uThixo angawaconganga awasemvelweni amasebe, lumka hleze angakucongi nawe lo.
22 Khawububone ke ububele nobukhali bukaThixo; ubukhali okunene kwabo bawayo; kodwa kuwe, ububele, ukuba uthe wahlala kobo bubele; okanye wogawulwa nawe lo.