24 Kuba wena, xa wagawulwa kumnquma ongowasendle ngokwemvelo, waza wamiliselwa ngokunxamnye nemvelo komhle umnquma: bobeka phi na aba bangamasebe ngokwemvelo, ukumiliselwa kwabo kowabo umnquma?
25 Kuba andithandi, bazalwana, ukuba ningayazi le mfihlelo, ukuze ningabi ziingqondi ngokwenu: le yokuba ukuqaqadeka kuwahlele amaSirayeli ngenxenye, ide ingene inzaliseko yazo iintlanga;
26 aze ngokunjalo ke wonke uSirayeli asindiswe, njengokuba kubhaliwe kwathiwa,Úya kuvela eZiyon uMhlanguli,Akusonge kumke kwaYakobi ukungahloneli Thixo.
27 Nguwo ke lo umnqophiso wam nabo,Xa ndithe ndazisusa izono zabo.(UIsaya 59:20)
28 Okunene ngokweendaba ezilungileyo, baziintshaba ngenxa yenu; kodwa ngokonyulo, ngabaziintanda ngenxa yoobawo.
29 Kuba azinabuyambo izibabalo ezi, nobizo olu lukaThixo.
30 Kuba, njengokuba nani benifudula ningamvi uThixo, ngoku ke nenzelwe inceba kukungeva kwabo abo;