27 Nguwo ke lo umnqophiso wam nabo,Xa ndithe ndazisusa izono zabo.(UIsaya 59:20)
28 Okunene ngokweendaba ezilungileyo, baziintshaba ngenxa yenu; kodwa ngokonyulo, ngabaziintanda ngenxa yoobawo.
29 Kuba azinabuyambo izibabalo ezi, nobizo olu lukaThixo.
30 Kuba, njengokuba nani benifudula ningamvi uThixo, ngoku ke nenzelwe inceba kukungeva kwabo abo;
31 kwangokunjalo, nabo ababanga namvo ngoku, ukuze ngokwenzelwa kwenu inceba, benzelwe nabo inceba.
32 Kuba uThixo ubavalele ndawonye entsweleni-kuva bonke, ukuze abenzele inceba bonke.
33 Hayi, ubunzulu bobutyebi nobobulumko nobokwazi kukaThixo! Asikuko nokuba ayiphengululeki imigwebo yakhe, azilandeki iindlela zakhe!