4 Sisuka esikaThixo isihlabo sithini na kuye? Sithi, Ndizishiyele amadoda angamawaka asixhenxe, angagobanga dolo kuBhahali* wona.
5 Ngokunjalo ke ngoko, nakweli xesha lakalokunje, kukho amasalela ngokonyulo lobabalo.
6 Ukuba ke kungobabalo, akusengamisebenzi; okanye ubabalo alungebi saba lubabalo.
7 Kuthiweni na ngoko? Kuthiwe, Khona oko akungxameleyo amaSirayeli akakufumananga; ke abanyuliweyo bakufumana, bathi ke abanye baqaqadekiswa;
8 njengokuba kubhaliwe kwathiwa, UThixo ubanike umoya wokuqoba, amehlo okuba bangaboni, neendlebe zokuba bangeva, kwada kwaba yimini yanamhla.
9 Kanjalo uDavide uthi,Isithebe sabo masibe sisibatha, nesihogo sokubambisa,Nesikhubekiso, nesiphindezelo kubo:
10 Makenziwe abe mnyama amehlo abo, ukuba bangàboni;Nomhlana wabo wugobe amaxa onke.(INdum. 69:22,23)