6 Ukuba ke kungobabalo, akusengamisebenzi; okanye ubabalo alungebi saba lubabalo.
7 Kuthiweni na ngoko? Kuthiwe, Khona oko akungxameleyo amaSirayeli akakufumananga; ke abanyuliweyo bakufumana, bathi ke abanye baqaqadekiswa;
8 njengokuba kubhaliwe kwathiwa, UThixo ubanike umoya wokuqoba, amehlo okuba bangaboni, neendlebe zokuba bangeva, kwada kwaba yimini yanamhla.
9 Kanjalo uDavide uthi,Isithebe sabo masibe sisibatha, nesihogo sokubambisa,Nesikhubekiso, nesiphindezelo kubo:
10 Makenziwe abe mnyama amehlo abo, ukuba bangàboni;Nomhlana wabo wugobe amaxa onke.(INdum. 69:22,23)
11 Ndithi ngoko, Bakhubeka ukuze bawe na? Nakanye! Kuthe ngesiphoso sabo, usindiso lwafika kuzo iintlanga, ukuze zibakhweletise.
12 Ukuba ke isiphoso sabo siba bubutyebi behlabathi, nokuncipha kwabo kuba bubutyebi beentlanga, yobeka phi na inzaliseko yabo?