18 Kuba mna andiyi kuba nabuganga bakuthetha nto ngezinto angazisebenzanga uKristu ngam, ukuze zimlulamele iintlanga, ngelizwi ke nangomsebenzi,
19 ngamandla emiqondiso nezimanga, ngamandla oMoya kaThixo; endide ndathi, ndithabathela eYerusalem, ndajikelezisa, ndezisa kwelaseIliriko, ndazizalisa iindaba ezilungileyo zikaKristu.
20 Ndenjénjalo ke ukuzondelela ukushumayela iindaba ezilungileyo; kungekhona apho uKristu wakhankanywayo, ukuze ndingakhi phezu kwesiseko somnye;
21 kube njengokuba kubhaliwe, kwathiwa,Abo bangabikelwanga nto ngaye, baya kubona;Nabo bangevanga nto, baya kuqonda.(UIsaya 52:15)
22 Kungoko ndabanjezelwayo nokubanjezelwa futhi, ukuba ndingafiki kuni.
23 Ngoku ke ndíngasenandawo nje kule mimandla, ndíneminyaka ke emininzi ndilangazelela ukuza kuni,
24 xa ndihambela kwelaseSpani, ndoza kuni; kuba ndithemba ukunibona xa ndicandayo kuni, nokuphelekelelwa nini ukuya khona, ukuba ndithe kuqala ndakha ndadlelana nani ngokwaneleyo.