1 Kungoko ndithi, Akunakuziphendulela, mntundini ugwebayo, nokuba ùngubani; kuba ngokugweba omnye, uzigweba kwawena; kuba wena ugwebayo wenza kwaezo zinto.
2 Siyazi ke ukuba isigwebo sikaThixo siwa ngokwenyaniso phezu kwabo bazenzayo izinto ezinjalo.
3 Ùcinga na ke, mntundini ugweba abo bazenzayo izinto ezinjalo, ube usenza kwazona nawe, ukuthi, uya kusisaba na wena isigwebo sikaThixo?
4 Okanye ùyabudela na ubutyebi bobubele bakhe, nonyamezelo, nokuzeka kade umsindo; ungazi ukuba ububele bukaThixo bukusa enguqukweni?
5 Ke ùthi, ngokuba lukhuni kwakho, nentliziyo yakho engenanguquko, uziqwebele ingqumbo, ngemini yengqumbo nokutyhilwa komgwebo onobulungisa kaThixo;
6 oya kuvuza ulowo nalowo ngokwemisebenzi yakhe:
7 abo bathi ngokomonde emsebenzini olungileyo bafune uzuko nembeko nokungonakali, ábavuze ngobomi obungunaphakade;