1 Úgqithisele ngantoni na ngoko umYuda kwabanye? Kunceda ntoni na ukwaluka?
2 Kukhulu, ngeendlela zonke. Kuba ke, ukuqala, báphathiswa izihlabo zikaThixo.
3 Kuyini na khona, ukuba abathile abakholwanga? Ukungakholwa kwabo kokuphuthisa na ukuthembeka kukaThixo?
4 Nakanye! UThixo yena makabe nenyaniso, bonke abantu ke babe ngamaxoki; njengokuba kubhaliwe kwathiwa,Ukuze ube nokugwetyelwa emazwini akho,Wèyise ekumangalelweni kwakho.(INdum. 51:4)