14 Abamlomo uzele kukuqalekisa nobukrakra.(INdum. 10:7)
15 Iinyawo zabo zinamendu okuphalaza igazi;
16 Lityumtyum neentsizi ezindleleni zabo;
17 Nendlela yoxolo abayazanga.(UIsaya 59:7,8)
18 Akukho koyika Thixo phambi kwamehlo abo.(INdum. 36:1)
19 Siyazi ke ukuba izinto zonke ozithethayo umthetho, uzithetha kwabaphantsi komthetho; ukuze imilomo yonke ivingcwe, nehlabathi lonke libe netyala kuThixo.
20 Ngokokuba, ngokwasemisebenzini yomthetho, akuyi kugwetyelwa nyama emehlweni akhe; kuba isono saziwe ngokubakho komthetho.