2 Kukhulu, ngeendlela zonke. Kuba ke, ukuqala, báphathiswa izihlabo zikaThixo.
3 Kuyini na khona, ukuba abathile abakholwanga? Ukungakholwa kwabo kokuphuthisa na ukuthembeka kukaThixo?
4 Nakanye! UThixo yena makabe nenyaniso, bonke abantu ke babe ngamaxoki; njengokuba kubhaliwe kwathiwa,Ukuze ube nokugwetyelwa emazwini akho,Wèyise ekumangalelweni kwakho.(INdum. 51:4)
5 Ke ukuba ukuswela-kulungisa kwethu kuqondakalisa ubulungisa bukaThixo, sothini na? Úswele ukulungisa na uThixo, lo uhlisa umsindo wakhe? (Ndithetha ngokomntu.)
6 Nakanye! Oko ubengáthini na uThixo ukuligweba ihlabathi?
7 Ke ukuba inyaniso kaThixo iphuphumele ekuthini azukiswe ngobuxoki bam, ndisagwetywa ngani na mna ngokomoni?
8 Yini na ukuba singabi sesisithi (ngoko ke sinyeliswayo, ngoko ke abathile bathi, sìthi thina), Masenze okubi, ukuze kuvele okulungileyo? abakugwetywa kuyeleleyo.