27 Luphi na ngoko uqhayiso? Luvalelwe ngaphandle. Ngamthetho mni na? Ngowemisebenzi na? Hayi!
28 Ngomthetho wokholo. Ngoko ke sigqiba kwelithi, umntu ugwetyelwa ngokholo, kungekho misebenzi yamthetho.
29 Kanene uThixo ungowamaYuda odwa na? Akanguye na noweentlanga?
30 Ewe, ngoweentlanga nazo; ekubeni emnye uThixo, oya kugwebela abolwaluko ngokwaselukholweni, nabangengabolwaluko ngalo ukholo.
31 Umthetho ngoko siyawuphuthisa na ngalo ukholo? Nakanye! Siyawumisa wona umthetho.