8 Yini na ukuba singabi sesisithi (ngoko ke sinyeliswayo, ngoko ke abathile bathi, sìthi thina), Masenze okubi, ukuze kuvele okulungileyo? abakugwetywa kuyeleleyo.
9 Kuthiweni na ke? Sinomkhusane na? Hayi, unakanye! Kuba besesiwamisele ityala amaYuda kwanamaGrike, lokuba baphantsi kwesono bonke;
10 njengokuba kubhaliwe kwathiwa,Akukho lungisa, hayi, nalinye;
11 Akukho uqondayo;Akukho umfunisisayo uThixo!
12 Bonke baphambukile; bephelele, àbancedi lutho;Akukho wenza okulungileyo; akukho nokude abe mnye.(INdum. 14:3)
13 Lingcwaba elivulekileyo umqala wabo,Ngeelwimi zabo bamana ukukhohlisa.(INdum. 5:9)Ubuhlungu bamaphimpi buphantsi kwemilebe yomlomo wabo.(INdum. 140:3)
14 Abamlomo uzele kukuqalekisa nobukrakra.(INdum. 10:7)