4 unyamezelo ke lusebenza ukucikideka; ukucikideka ke kusebenza ithemba;
5 ithemba ke alidanisi, ngokuba uthando lukaThixo luthululelwe ezintliziyweni zethu ngoMoya oyiNgcwele, esamnikwayo.
6 Kuba uKristu uthe, sakubon' ukuba sisengama-athalala, wabafela ngexesha elimisiweyo abangahloneli Thixo.
7 Kuba kungángenkankulu ukuthi ubani afele ilungisa; kuba uthi mhlawumbi ubani abe nobuganga bokumfela olungileyo;
8 ke yena uThixo uqondakalisa okwakhe ukusithanda ngokuthi, sakubon' ukuba sisengaboni, uKristu asifele.
9 Kokukhona sigwetyelwe nje ngegazi lakhe, siya kusindiswa ngaye kuyo ingqumbo.
10 Kuba xa sithe, besiziintshaba nje, saxolelaniswa noThixo ngako ukufa koNyana wakhe: kokhona, síxolelanisiwe nje, siya kusindiswa ngobomi bakhe.