1 Masithini na ngoko? Masihlale sihleli na esonweni, ukuze ubabalo lwande?
2 Nankanye! Thina safayo nje kwisono, singáthini na ukuba sahlala kuso?
3 Anazi na ukuba thina sonke, sàbhaptizelwayo kuKristu Yesu, sabhaptizelwa ekufeni kwakhe?
4 Ngoko ke sangcwatywa naye ngokubhaptizelwa ekufeni; ukuze, njengokuba uKristu wavuswayo kwabafileyo ngalo uzuko loYise, sithi ngokunjalo nathi sihambe sinobomi obutsha.