20 Kuba, oko nibe ningabakhonzi besono, beningabakhululekileyo kubo ubulungisa.
21 Naye ninasiqhamo sini na ke ngelo xesha, ngezi zinto nineentloni ngazo ngoku? Kuba isiphelo sazo kukufa.
22 Kaloku ke, nikhululwe nje kuso isono, naza nakhonziswa kuThixo, nìnaso isiqhamo senu sokuba ningcwaliseke; isiphelo ke sibe bubomi obungunaphakade.
23 Kuba umvuzo wesono kukufa; ke sona isibabalo sikaThixo bubomi obungunaphakade, kuKristu Yesu iNkosi yethu.