1 Anazi na, bazalwana (kuba ndithetha kwabawaziyo umthetho), ukuba umthetho umphatha ngobukhosi umntu ngexesha lonke adla ubomi ngalo?
2 Kuba umfazi owendileyo, ubotshiwe ngumthetho kwindoda yakhe, lo gama idla ubomi; ukuba ke ithe yafa indoda, ukhululekile kuwo umthetho ombophe endodeni.
3 Ngoko ke, ukuba úthe waba kuyimbi indoda, yakubon' ukuba indoda yakhe isadla ubomi, kothiwa ngumkrexezikazi. Ke ukuba ithe yafa indoda yakhe, woba ukhululekile kuwo umthetho, ukuba angabi mkrexezikazi, ethe waba kuyimbi indoda.
4 Ngoko ke, bazalwana bam, nani n'abulawa nafa kuwo umthetho ngawo umzimba kaKristu, ukuba nibe kuwumbi, kulowo ke wavuswa kwabafileyo, ukuze sixakathe isiqhamo kuThixo thina.
5 Kuba oko besikwinyama, ukuthabatheka zizono, okube kuxhokonxwa ngawo umthetho, kwakusebenza emalungwini ethu ekuxakatha isiqhamo esisa ekufeni.
6 Ke ngoku sikhululwe thina kuwo umthetho, safayo nje kwesasibanjwe kuko, ngokokude sikhonze sinobutsha bomoya, singakhonzi sinobudala bomthetho obhaliweyo.