22 Kuba ndikholene nomthetho kaThixo ngokomntu ongaphakathi;
23 kodwa ndibona mthetho wumbi, emalungwini am, usilwa nomthetho wengqiqo yam, undithimbela emthethweni wesono, lowo usemalungwini am.
24 Athi ke mna, mntu uludwayi! Azi, ngubani na oya kundihlangula kuló mzimba woku kufa?
25 Ndiyabulela kuThixo ngoYesu Kristu, iNkosi yethu. Ngoko ke mna ngokwam ngayo ingqiqo okunene ndikhonza umthetho kaThixo; kodwa ngayo inyama ndikhonza umthetho wesono.