4 Ngoko ke, bazalwana bam, nani n'abulawa nafa kuwo umthetho ngawo umzimba kaKristu, ukuba nibe kuwumbi, kulowo ke wavuswa kwabafileyo, ukuze sixakathe isiqhamo kuThixo thina.
5 Kuba oko besikwinyama, ukuthabatheka zizono, okube kuxhokonxwa ngawo umthetho, kwakusebenza emalungwini ethu ekuxakatha isiqhamo esisa ekufeni.
6 Ke ngoku sikhululwe thina kuwo umthetho, safayo nje kwesasibanjwe kuko, ngokokude sikhonze sinobutsha bomoya, singakhonzi sinobudala bomthetho obhaliweyo.
7 Síthini na ke? Umthetho usisono na? Nakanye! Ke ngendingasazanga isono, ukuba bekungengamthetho; kuba nenkanuko ngendingayazanga, ukuba umthetho ubungatshongo ukuthi, Uze ungakhanuki.
8 Isono ke sizuze ithuba ngawo umthetho, sasebenza ngaphakathi kwam yonke inkanuko; kuba, kungekho mthetho, isono sifile.
9 Mna ke bendifudula ndiphilile, ungekho umthetho; uthe ke wakufika umthetho, sabuya saphila isono,
10 ndafa ke mna; waza umthetho obumiselwe ubomi, wafumaneka kum inguwona usingisa ekufeni.