31 Síthini na ke ngoko kwezi zinto? Ukuba uThixo ungakuthi, ngubani na ongasichasayo?
32 Lowo, gxebe, ungamconganga owakhe uNyana, wesuka wamnikela ngenxa yethu sonke, angáthini na ukuba angasibabali ngazo zonke ezo zinto, ndawonye naye?
33 Ngubani na oya kumangalela abanyulwa bakaThixo, inguThixo nje obagwebelayo?
34 Ngubani na ogwebayo, inguKristu nje owafayo? ngaphezu koko ke, wabuya wavuka; ongasekunene kukaThixo, osithethelelayo?
35 Ngubani na oya kusahlula eluthandweni lukaKristu? Yimbandezelo na, luxinaniso na, yintshutshiso na, yindlala na, bubuze na, yingozi na, likrele na?
36 Njengokuba kubhaliwe kwathiwa,Ngenxa yakho sibulawa imini yonke;Sibalelwe ekuthini sizizimvu zokuxhelwa.(INdum. 44:22)
37 Kanti ke kwezo zinto zonke, sisuka soyise sigqithisele, ngaye owasithandayo.