21 Baye abantu bemlindile uZekariya, bemangalisiwe kukulibala kwakhe endaweni engcwele leyo.
22 Uthe ke akuphuma, akaba nako ukuthetha kubo; baqonda ukuba ubone umbono endaweni engcwele apho, waye yena emana ukunqwala kubo, wahlala engathethi.
23 Kwathi yakuzaliseka imihla yombuso wakhe, wemka waya endlwini yakhe.
24 Emveni kwayo loo mihla ke, uElizabhete umfazi wakhe wathabatha, wazizimeza iinyanga zantlanu, esithi,
25 Yenjénje iNkosi kum ngemihla eyandikhangelayo, ukuba ikususe ukungcikiveka kwam phakathi kwabantu.
26 Ke kaloku ngenyanga yesithandathu, isithunywa esinguGabriyeli sathunyelwa nguThixo emzini welaseGalili,
27 ogama liyiNazarete, kwintombi, eganelwe indoda egama linguYosefu, yendlu kaDavide; laye igama lentombi leyo linguMariya.