30 Sathi ke isithunywa kuye, Musa ukoyika, Mariya; kuba ubabalwe nguThixo.
31 Uyabona, uya kuthabatha esizalweni, uzale unyana, umthiye igama elinguYesu.*
32 Yena uya kuba mkhulu, abizwe ngokuba nguNyana wOsenyangweni; iNkosi uThixo iya kumnika itrone kaDavide, uyise,
33 abe ngukumkani phezu kwendlu kaYakobi kude kube ngunaphakade, nobukumkani bakhe bungabi nasiphelo.
34 Wathi ke uMariya kuso isithunywa, Kuya kuthini na ukubakho oku, ndingazani nandoda nje?
35 Saphendula isithunywa sathi kuye, UMoya oyiNgcwele uya kuza phezu kwakho, athi namandla Osenyangweni akusibekele; kungoko loo nto ingcwele izalwa nguwe iya kubizwa ngokuba nguNyana kaThixo.
36 Uyabona, uElizabhete, ozalana nawe, naye umithe unyana ebudaleni bakhe; nale yinyanga yesithandathu kuye, lowo bekuthiwa ngongazaliyo;