66 Bathi bonke abazivayo, bazibeka entliziyweni yabo, besithi, Azi uya kuba yintoni na lo mntwana? Saye isandla seNkosi sinaye.
67 UZekariya uyise wazala nguMoya oyiNgcwele, waprofeta esithi:
68 Mayibongwe iNkosi, uThixo kaSirayeli,Ngokuba ibavelele yabakhulula ngentlawulelo abantu bayo.
69 Yasiphakamisela uphondo losindisoEndlwini kaDavide, umkhonzi wayo,
70 Njengoko yathethayo ngomlomo wabangcwele, ababengabaprofeti bayo kwasephakadeni;
71 Usindiso lokusisindisa ezintshabeni zethu, nasesandleni sabo bonke abo basithiyayo;
72 Ukubenzela inceba oobawo bethu,Nokukhumbula umnqophiso wayo ongcwele,