75 Ngobungcwele nangobulungisa emehlweni ayo, yonke imihla yobomi bethu.
76 Nawe, mntwana, uya kubizwa ngokuba ungumprofeti wOsenyangweni,Kuba ùya kuhamba phambi kobuso beNkosi, ulungise iindlela zayo,
77 Ukuze ubanike abantu bayo ukwaziwa kosindisoNgoxolelo lwezono zabo,
78 Ngenxa yenceba nemfesane yoThixo wethu,Othe ngaye wasivelela umsó wasenyangweni,
79 Ukuba úkhanye kwabo bahleliyo emnyameni, nasethunzini lokufa,Ukuba úzingenise iinyawo zethu endleleni yoxolo.
80 Wakhula umntwana, waya esomelela ngomoya; waye esentlango, kwada kwayimini yokubonakalaliswa kwakhe kuSirayeli.