23 Wathi guququ kubafundi bakhe, wathi ngasese, Anethamsanqa wona amehlo abona izinto enizibonayo.
24 Kuba ndithi kuni, Baninzi abaprofeti nookumkani ababethande ukubona izinto enizibonayo nina, àbazibona; nokuva izinto enizivayo, àbaziva.
25 Kwabonakala kusuka umqondisimthetho othile, emlinga nokumlinga, esithi, Mfundisi, ndénze ntoni na ukuze ndibudle ilifa ubomi obungunaphakade?
26 Uthe ke yena kuye, Emthethweni kubhalwe ntoni na? Ulesa njani na?
27 Waphendula ke wathi, Ùze uyithande iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangamandla akho ephela, nangengqondo yakho iphela; nommelwane wakho, njengoko uzithanda ngako.
28 Uthe ke kuye, Ùphendule walungisa; yenza oko, wobudla ubomi.
29 Ke kaloku yena, ethanda ukuzigwebela, wathi kuYesu, Ngubani na ongummelwane wam?