6 Ukuba angaba ulapho owoxolo, uxolo lwenu lohlala phezu kwakhe; ukuba ke akunjalo, lobuyela kwakuni.
7 Hlalani ke kuloo ndlu, nisidla nisela izinto abanazo; kuba umsébenzi uwufanele umvuzo wakhe. Musani ukuphuma ningena zindlwini.
8 Emzini ke enisukuba ningena kuwo, banàmkele, yidlani izinto abazibeka phambi kwenu;
9 niyiphilise imilwelwe ekhona, nithi kubo, Busondele kuni ubukumkani bukaThixo.
10 Emzini enisukuba ningena kuwo, banganamkeli, phumani niye ezitratweni zawo, nithi,
11 Nothuli lomzi wenu olunamathele kuthi, siluvuthululela kuni; kodwa ke kwazini khona oku, ukuba busondele kuni ubukumkani bukaThixo.
12 Ndithi ke kuni, Koba nokunyamezeleka okweSodom ngaloo mini, kunokwaloo mzi.