43 Yeha, nina baFarisi! Ngokuba nithanda isihlalo sobukhulu ezindlwini zesikhungu, nemibuliso ezindaweni zembutho.
44 Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba ninjengamangcwaba angabonakaliyo, abathi nabantu abahamba phezu kwawo, bangawazi.
45 Waphendula ke othile wakubaqondisi-mthetho, wathi kuye, Mfundisi, uzithetha nje ezo zinto, usiphatha kakubi nathi.
46 Uthe ke yena, Yeha, nani baqondisimthetho! Ngokuba abantu nibathwalisa imithwalo enzima, nibe nina ngokwenu ningayichukumisi imithwalo leyo nangamnye umnwe wenu.
47 Yeha, nina! Ngokuba niyawakha amangcwaba abaprofeti, babe ke ooyihlo bebabulele.
48 Kambe niyayingqinela niyithakazela imisebenzi yooyihlo; ngokuba bona okunene bababulala, niyawakha ke nina amangcwaba abo.
49 Ngenxa yoko nobulumko bukaThixo bâthi, Ndiya kubathumela abaprofeti nabapostile;* kubo abo ke baya kuyibulala inxenye, bayitshutshise inxenye;