12 Nokuba anibanga nakuthembeka koko komnye, ngubani na oya kuninika okukokwenu?
13 Akukho mkhonzi unako ukukhonza nkosi mbini; kuba eya kuyithiya le, athande leya; athi mhlawumbi abambelele kule, ayidele leya; aninako ukukhonza uThixo nobutyebi.
14 Ke kaloku baye beziva ezo ndawo zonke nabo abaFarisi, amathanda-mali; baye bemsinekela ke.
15 Wathi kubo, Nina ningábazigwebelayo emehlweni abantu; kodwa uThixo uyazazi iintliziyo zenu; ngokuba oko kuphakanyisiweyo phakathi kwabantu, kulisikizi emehlweni kaThixo.
16 Yayingumthetho nabaprofeti kwada kwakuYohane; kuselokoko, ubukumkani bukaThixo buyashunyayelwa, bonke bayangena kubo ngokugonyamela.
17 Ke kulula ukuba lidlule izulu nomhlaba, kunokuba kuwe nalinye isuntswana lomthetho.
18 Wonke umntu omalayo umfazi wakhe, azeke wumbi, uyakrexeza; nomntu wonke ozeka owalene nendoda, uyakrexeza.