22 Ke kaloku lathi lafa ihlwempu elo, lasiwa zizithunywa zezulu esifubeni sika-Abraham; safa ke nesityebi, sangcwatywa.
23 Síze, sikwelabafileyo, siphakamise amehlo aso sisentuthumbeni, simbone uAbraham ekude, uLazaro esesifubeni sakhe.
24 Samemeza sona sathi, Bawo, Abraham, ndénzele inceba, uthume uLazaro, ukuba athi nkxu incam yomnwe wakhe emanzini, aphozise ulwimi lwam; ngokuba ndiyathuthunjelwa kweli langatye.
25 Uthe ke uAbraham, Mntwana wam, khumbula ukuba wena wazifincelela ebomini bakho izinto zakho ezilungileyo, noLazaro ngokukwanjalo izinto ezimbi; ngoku ke yena úyathuthuzelwa, wena ke ùyathuthunjelwa.
26 Kananjalo ngaphandle kwale nto yonke, phakathi kwethu nani kuthiwe zinzi umsantsa omkhulu, ukuze aba bathanda ukuphumela, besuka apha besiya kuni, bangabi nako; bathi nabalapho, bangabi nakuwelela kuthi.
27 Sathi, Ndiyakucela ngoko, bawo, ukuba umthume endlwini kabawo;
28 kuba ndinabazalwana abahlanu; ukuba abaqononondise, ukuze bangàthi nabo beze kule ndawo yentuthumbo.