6 Uthe ke yena, Likhulu leebhate* zeoli. Lathi kuye, Thabatha iphetshana lakho, uhlale phantsi msinya, ubhale amashumi amahlanu.
7 Emva koko lathi komnye, Wena ke unatyala lingakanani na? Uthe ke yena, Likhulu leekore* zengqolowa. Lathi kuye, Thabatha iphetshana lakho, ubhale amashumi asibhozo.
8 Yaza inkosi leyo yalincoma igosa elingalungisiyo, ngokuba lenza ngokuqonda; ngokuba bona abeli phakade kwesabo isizukulwana banokuqonda, ngaphezu kwabo abokukhanya.
9 Nam ndithi kuni, Zenzeleni izihlobo ngabo ubutyebi bokungalungisi, ukuze xa nithe naphelelwa, namkelwe eminqubeni engunaphakade.
10 Othembekileyo kokuncinane, uthembekile nakokukhulu; nongalungisiyo kokuncinane, akalungisi nakokukhulu.
11 Ukuba ngoko anibanga nakuthembeka ebutyebini bokungalungisi, ngubani na owonithemba kobo buyinyaniso?
12 Nokuba anibanga nakuthembeka koko komnye, ngubani na oya kuninika okukokwenu?