1 Wathi ke kubo abafundi, Azinakuba zingezi izikhubekiso; yeha ke, loo mntu ziza ngaye!
2 Angásizakala kanye, ethe wagangxwa ilitye lokusila entanyeni yakhe, wajulelwa elwandle, kunokuba akhubekise noko amnye kwaba bancinane.
3 Zilumkeleni; ukuba ke umzalwana wakho uthe wakona, mkhalimele; ukuba uthe waguquka, mxolele.
4 Nokuba uthe wakona kasixhenxe ngemini, waza wabuyela kuwe kasixhenxe ngemini, esithi, Ndiyaguquka, wòthi umxolele.
5 Abapostile* bathi eNkosini, Songezelele ukholo.