33 Othe wafuna ukuwushindisa umphefumlo wakhe, wolahlekelwa nguwo; othe wawulahla, uya kuwulondoloza.
34 Ndithi kuni, Ngobo busuku ababini boba sililini sinye; omnye amkelwe, omnye ashiywe.
35 Amankazana amabini oba esila ndawonye; enye yamkelwe, enye ishiywe.
36 Abantu ababini boba sentsimini; omnye amkelwe, omnye ashiywe.
37 Baphendula bathi kuye, Phi na, Nkosi? Ithe ke yona kubo, Apho sikhona isidumbu, aya kuhlanganisana khona amaxhalanga.