1 Ke kaloku, wayethetha nomzekeliso kubo, wokuba bamelwe kukuhlala bethandaza, bangethi amandla; esithi
2 Kwaye kukho umgwebi emzini othile, ongamoyikiyo uThixo, ongamhloneleyo nomntu.
3 Bekukho ke umhlolokazi othile kuloo mzi, obemana ukuza kuye, esithi, Ndíkhulule kummangaleli wam.
4 Kwaba mzuzu engavumi; kodwa kamva wathi ngaphakathi kwakhe, Nakuba ndingamoyiki uThixo, ndingamhlonele nomntu:
5 noko, ngenxa yokuba lo mhlolokazi endibulala, ndomlungisa, ndimkhulule, hleze ade eze andaphule.
6 Ithe ke iNkosi, Kuveni okuthethwa ngumgwebi ongalungisiyo.