40 Waphendula wathi kubo, Ndithi kuni, kungáthi kuthe cwaka aba, kunkqangaze amatye la.
41 Akusondela, wawubona umzi, wawulilela, esithi,
42 Akwaba ubusazi nawe lo kwangayo yona le mini yakho, izinto ezizezoxolo lwakho! Ke kungoku zifihliwe emehlweni akho.
43 Ngokuba ùya kufikelwa yimihla, eziya kuthi iintshaba zakho zikubiyele ngodonga, zikungqinge, zikuxine ngeenxa zonke,
44 zikukhahlele phantsi wena, nabantwana bakho phakathi kwakho; zingashiyi nelitye phezu kwelitye phakathi kwakho, ngenxa enokuba ungalazanga ixesha lokuvelelwa kwakho.
45 Waza, eye kungena etempileni, waqala ukubakhupha abo babethengisa kuyo, nababethenga;
46 esithi kubo, Kubhaliwe kwathiwa, Indlu yam yindlu yokuthandaza; ke nina niyenzé umqolomba wezihange.