44 Babengazi ke uYosefu nonina. Babeba ke bona usemkhokweni wabahambi, bahamba uhambo lwamini-nye; bamana bemfuna phakathi kwemizalwana, naphakathi kwabazana nabo.
45 Bathe bakuba bengamfumani, babuyela eYerusalem, bemfuna.
46 Kwathi, emveni kwemihla emithathu, bamfumana etempileni, ehleli phakathi kwabafundisi, ebaphulaphula, ebuya ebabuza.
47 Basuka bonke ababemphulaphula bathi nqa yingqondo yakhe naziimpendulo zakhe.
48 Bakumbona bakhwankqiswa. Unina wathi kuye, Mntwana wam, yini na ukuba usenjenje? Uyabona, uyihlo nam sibe sikufuna, sibuhlungu kakhulu.
49 Wathi kubo, Benindifunela ntoni na? Beningazi na ukuba ndimelwe kukuba ndibe semicimbini kaBawo?
50 Ke bona abayiqondanga into awayeyithetha kubo.