49 Wathi kubo, Benindifunela ntoni na? Beningazi na ukuba ndimelwe kukuba ndibe semicimbini kaBawo?
50 Ke bona abayiqondanga into awayeyithetha kubo.
51 Wehla nabo, waya kufika eNazarete, wabalulamela. Wamana ukuzigcina ke unina zonke ezo ndawo entliziyweni yakhe.
52 Waye uYesu ehambela phambili ebulumkweni nasebukhulwini, nasekuthandweni nguThixo nangabantu.