1 Kwathi ngenye imini, akubon' ukuba uyabafundisa abantu etempileni, eshumayela iindaba ezilungileyo, wafikelwa ngababingeleli abakhulu nababhali, kunye namadoda amakhulu.
2 Bathetha kuye besithi, Sixelele; ùzenza ngagunya lini na ezi zinto? Kanjalo ngubani na okunike eli gunya?
3 Waphendula ke wathi kubo, Nam ndiya kubuza kuni zwi-nye, ize nindixelele ke.
4 Ubhaptizo lukaYohane lwaluphuma emazulwini, lwaluphuma ebantwini, sini na?
5 Bacamanga ke bona bodwa, besithi, Ukuba sithe, Lwaphuma emazulwini, wothi, Ibiyini na phofu ukuba ningakholwa nguye?
6 Ukuba ke sithe, Lwaphuma ebantwini, bonke abantu bosigibisela ngamatye; kuba beyisekile ukuba uYohane ungumprofeti.