13 Oko ke kuya kuthi kube bubungqina kuni.
14 Kumiseni ngoko ezintliziyweni zenu, ukuba ningàkucingi ngaphambili ukuziphendulela.
15 Kuba mna ndiya kuninika umlomo nobulumko, abangayi kuba nako ukubuphikisa nokumelana nabo, bonke abanichasileyo.
16 Ke kaloku niya kunikelwa nangabazali, nangabazalwana, nayimizalwane, nazizihlobo, kubekho nabababulalayo kuni;
17 nithiywe ngabantu bonke ngenxa yegama lam.
18 Akusayi kutshabalala nonwele olu entlokweni venu.
19 Ekunyamezeleni kwenu, noyizuza imiphefumlo yenu.